Indima edlalwa ngoMama kwingxaki yokungodli
kooTata
Ngu; NOLUVUYO NOMALA
Kulemihla siphila kuyo uninzi lwabantwana
lukhula bengabazi ootatababo. Abona
bantu bathi badlale indima enkulu yobutata ekukhuliseni ababantwana
ngootatomkhulu babo. Lento ithi ibachaphazele abantwana njengoba ixesha lihamba.
Umbuzo obalulekileyo ngowokuba ingaba yintoni le inyanzela ootata ukuba
bangafuni kuluthatha oluxanduva kubantwana babo! Impendulo ithi ijongwe kwicala
elinye lokuba ootata ngabantu abangakhathaliyo kwaye babaleka ukondla
abantwana. Kanti iimpendulo zinokuthi zijongwe macala komama nootata ngokuthi
kumanyelwe macala omabini enkcazelo.
No comments:
Post a Comment