Monday, 19 October 2015

Indima edlalwa ngoMama kwingxaki yokungodli kooTata

Ngu; NOLUVUYO NOMALA

Kulemihla siphila kuyo uninzi lwabantwana lukhula bengabazi  ootatababo. Abona bantu bathi badlale indima enkulu yobutata ekukhuliseni ababantwana ngootatomkhulu babo. Lento ithi ibachaphazele abantwana njengoba ixesha lihamba. Umbuzo obalulekileyo ngowokuba ingaba yintoni le inyanzela ootata ukuba bangafuni kuluthatha oluxanduva kubantwana babo! Impendulo ithi ijongwe kwicala elinye lokuba ootata ngabantu abangakhathaliyo kwaye babaleka ukondla abantwana. Kanti iimpendulo zinokuthi zijongwe macala komama nootata ngokuthi kumanyelwe macala omabini enkcazelo.


No comments:

Post a Comment