Thursday, 28 January 2016

umvalo wonoTaxi


UmThandazo wokuvala unyaka wono Taxi base Dikeni
Ngu: Thembela Mjiba
Ibilithuba elihle nelinqabileyo kumchola choli wendaba ukubona elinye icala lonomashishini be Tekisi lingelilo eli laziwayo ngabanizi lingaginyisi mathe ncam, ngelixa bebebambe umthandazo wokuvala unyaka bengono Tekisi base Dikeni. Lomthandazo ububanjelwe eholweni loluntu apha eDikeni ngomhla we 19 kweyeNkanga inyanga.Lomthandazo ubuwonganyelwe nguye usihlalo wombutho wono Tekisi i VETA apha eDikeni u Sicelo Sihluku. Lomsitho uqale ngokuthandazela abaqhubi betekisi baze bakhululwa ke uyokusebenza kushiyeka osomashishini beqhuba umthandazo.Likwathathiwe nethuba lokwazisa ngezaziso zombutho apho kwaziswe ngokushiywa lelinye ilungu lombutho utata uGwadiso , ntoleyo ithande ukuziphazamisa intliziyo zamalungu esihlalweni ,kuba bebejonge ukuvala unyaka nogxa wabo.

Kwakwizaziso banqinibene osomashishini bebongozana ukuba baxhasane xakucelwe benzenjalo ngumbutho.Obephethe lomsitho nobebeke ilizwi lemini ibinguye umongameli uLulamile Mseleni. Ilizwi bekuvalwa ngalo unyaka beliku Marko 3:33.  Apho athetha ngelihlobo" Lumkani musani ukulala, thandazani ningayeki.Ululamile uthe ukhethe lamazwi ngoba ufuna ukulumkisa azise amalungu e VETA ukuba u Thixo lo uyabanceda abantu bakhe ngokoke kufanele bengamalungu ombutho balumke bathandaze bangayeki kuba uThixo uyabamamela abantu bakhe .

 Yena engu Lulamile wayengana moto iminyaka elishumi wacela imithandazo ecaweni kungoku nje unenqwelo mafutha ezimbini. Ukwakhuthaze ogxa bakhe abangakabinazo inqwelo mafutha baqhubeke bathandaze.Ahlomlile ke namanye amalungu ombutho wono Tekisi phantsi kwalamazwi." Sijongwe ngathi asinabulumko singono Tekisi ngabantu ngoba siqwalasele inzuzo ngaphezu kwento yonke.Ukanti singulombutho singaphumelela siye phezulu kodwa ukuba asina Thixo sizobonaka sizizidombu". uhlomle watsho uMachiva Caku nolilungu elongeziweyo kwikomiti wombutho we Tekisi.

Baninzi bahlomle phatsi kwamazwi abakiweyo kodwa eyonanto bonke bayimisa phambili zinceba zikaMdali emana ekhusela inqwelo mafuta zaba kunye nabasebenzi ngelixesha likaxakeka xazihamba imigama emide zigudusa abantu kumakhaya wabo bakwazi ubafikisa besaphila.Bazingombe isifuba besithi iminyaka iyaqengqheleka ungasoze uve kusithiwa imoto ekhwelise abantu isuka kwidolophu ezifana neKapa ibhukuqe nabantu Kungoko beziva bengakwazi ukungambuleli bamcele uThixo ahlale esenza njalo.Uwavalile ke umfundisi u Bongani Sondlaka webandla le New united strangers , nokwanguye Nosomashishini we Tekisi. Uwavale ngokucabula kumzekeliso wentombi ezilishumi apha ezinye saziziyatha  ezinye zizinqhondi esithi bengosomashishini mabafane neziya ntombi zazizinqhondi baphaphe bahlale bethandaza . 

No comments:

Post a Comment