Thursday, 28 January 2016

Iparty yokuviyisana nabadala nge-christmas]

NGU: Ayabonga Nkalitshana
Iziko labantu abadala eAlice iPhumalanga old age ibibambe umbiyozo we-christmas apho bekubiyozwa kunye namaxhego namaxhegokazi beviswa kamnanda bephiwa kunye nezipho ze-christmas liziko eli nelithe lancediswa ngumasipala we-nkonkobe. Omnye wezithethi ebezikhona ibingu Anele Ntsangani nongu-Mayor kamasipala nothe wabulele ukubakho kwabantu nokubonisa uthando kubantu abadala nabo babone ukuba bayathandwa kwaye bakhathalelwe.

Usekela mphathiswa wezonxibelelwano emzantsi afrika u mama uStella Ndabeni-Abrahams nobengomnye wezithethi kulomnyadala uthethe ngoku bambisana kwabantu abadala beqinisekisa ukuba ulwazi abanalo bayalugqithisela kubantwana babo kunye nabazukulwana. Uqhubeke wanqwenelela abantu abadala i_christmas emnandi  kunye nempilo ende ukuze babenexesha lokugqithisa amava abo apha ebomini kwisizukulwana sabo esizayo.uthe wanikela nge-computyer kunye ne-printer ukuze incedisane nemisebenzi yeliziko labantu abadala.


Bebonwatyiswe ngu-butho vuthela nobebaphethe ngengoma zenkolo bedanisa kumnandi.

No comments:

Post a Comment