Iparty
yokuviyisana nabadala nge-christmas]
NGU: Ayabonga Nkalitshana
Iziko labantu abadala
eAlice iPhumalanga old age ibibambe umbiyozo we-christmas apho bekubiyozwa
kunye namaxhego namaxhegokazi beviswa kamnanda bephiwa kunye nezipho
ze-christmas liziko eli nelithe lancediswa ngumasipala we-nkonkobe. Omnye
wezithethi ebezikhona ibingu Anele Ntsangani nongu-Mayor kamasipala nothe
wabulele ukubakho kwabantu nokubonisa uthando kubantu abadala nabo babone ukuba
bayathandwa kwaye bakhathalelwe.
Usekela mphathiswa
wezonxibelelwano emzantsi afrika u mama uStella Ndabeni-Abrahams nobengomnye wezithethi
kulomnyadala uthethe ngoku bambisana kwabantu abadala beqinisekisa ukuba ulwazi
abanalo bayalugqithisela kubantwana babo kunye nabazukulwana. Uqhubeke
wanqwenelela abantu abadala i_christmas emnandi kunye nempilo ende ukuze babenexesha
lokugqithisa amava abo apha ebomini kwisizukulwana sabo esizayo.uthe wanikela
nge-computyer kunye ne-printer ukuze incedisane nemisebenzi yeliziko labantu
abadala.
Bebonwatyiswe ngu-butho
vuthela nobebaphethe ngengoma zenkolo bedanisa kumnandi.
No comments:
Post a Comment