Monday, 30 November 2015

Ityendyana laseDebe lizibalula ngokulima

  

UAnele Tsiko, onamashumi amabini anesihlanu (25), inzalelwane yaseDebe,kwilali yaseMnqaba James, ozibalula kwicandelo lezolimo. Elityendyana ukulima likuqale ngonyaka ka 2013, esenziwa luthando nemeko yentsokolo akhule phantsi kwayo, nenxaso awayeyifumana kwisikolo samabanga aphezulu iKhulile apho azibalule khona ewongwa ngezatifiketi kwezolimo (Agriculture).
UTsiko ubengumfundi kwi Yunivesiti yase Fort Hare,esenza izifundo ze Nzulu lwazi (BSc Khemistry), ngenxa yalombono nokutshutshumbiseka kwakhe, akazigqibanga izifundo zakhe, waqala ezolimo.
‘’Ekhaya babengaxolanga kwaphela ukuyeka kwam kwiYunivesiti yaseFort Hare, kodwa ndabona ukuba ezolimo zingakwazi ukundiphilisa, kwaye zincede nosapho lwam, nabanye abantu akuhlaleni’’ utshilo uTsiko
UTsiko uhambise wathi ‘’Ndabanesigqibo sokuba ndisishiye isikolo ngo 2013, ndakubuya ndigqibezele, ndiqale ukulima. Ndiqale ukulima kwiigadi zasekhaya, ndaboleka neegadi zabantu, nangoku ndisalima kwezogadi ndizibolekileyo’’
UTsiko uphume ngokuzama-zamana namatile-tile empumelelo, uthetha thethane neenkampani ezinkulu ukubalula uSpar, Shoprite noCheckers, efuna ukuzinxulumanisa nazo, baphendule ngelifuna amakhaphetshu ayi 7000 kuTsiko, noxa iigadi zika Anele zikhupha amakhaphetshu ayi 3000 ukuya ku5000 wabe uphulukana nesivumelwano,nangona ekwasebenzisana neeMakethe noSpar wase Dikeni kwaNtu Spar.
Emva kokufuna uncedo ekuhlaleni, uAnele ufumene uncedo kusapho lakwa Mngaza, ngokumboleka iifama ezimbini kwilali yase Cumakala.
‘’Enye yengxaki endidibana nazo kukungabina zithuthi, nezixhobo zokusebenza, ezaneleyo, nangona nditye ndibeka ndaqokelela imali ndathenga isithuthi sokuthutha lamakhaphetshu’’
Elityendyana liluncedo hayi kusapho lwalo kuphela kodwa nase kuhlaleni, kuluntu olungena misebenzi, uTsiko ubaqesha kwiifama neegadi zakhe, ukwaluncedo kwizikolo ezilapha ekuhlaleni ephisa ngamakhaphetshu kubafundi ukuze batye, ekwabafundisa ngezolimo, encedisa nakumakhaya abantu abadala kwilali yaseDebe, ngoku babonelela ngamakhaphetshu ebakhuthaza ebafundisa nokulima.
UTsiko uthe ‘’Uncedo kurhulumente usandula kulifumana kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo ngoku ndibonelela ngeengxowa ezingamashumi amabini anesihlanu zeetapile, oko ndalima bendiqala ukufumana ukuncedwa’’

UAnele Tsiko ugqibe ngelo kuxhobisa uluntu esithi ‘’Amathuba okuphila akhona maninzi into isemntwini nganye, masivuke sizenzele singa soloko sijonge ukuxhomekeka, kwaye nokuba izinto azihambi kakuhle masincekelele singatyhafi, imxinwa indlela eya empumelelweni, wonke umntu unako’’.

No comments:

Post a Comment