Ityendyana laseDebe
lizibalula ngokulima
UAnele Tsiko,
onamashumi amabini anesihlanu (25), inzalelwane yaseDebe,kwilali yaseMnqaba
James, ozibalula kwicandelo lezolimo. Elityendyana ukulima likuqale ngonyaka ka
2013, esenziwa luthando nemeko yentsokolo akhule phantsi kwayo, nenxaso
awayeyifumana kwisikolo samabanga aphezulu iKhulile apho azibalule khona
ewongwa ngezatifiketi kwezolimo (Agriculture).
UTsiko ubengumfundi kwi
Yunivesiti yase Fort Hare,esenza izifundo ze Nzulu lwazi (BSc Khemistry),
ngenxa yalombono nokutshutshumbiseka kwakhe, akazigqibanga izifundo zakhe,
waqala ezolimo.
‘’Ekhaya babengaxolanga
kwaphela ukuyeka kwam kwiYunivesiti yaseFort Hare, kodwa ndabona ukuba ezolimo
zingakwazi ukundiphilisa, kwaye zincede nosapho lwam, nabanye abantu akuhlaleni’’
utshilo uTsiko
UTsiko uhambise wathi
‘’Ndabanesigqibo sokuba ndisishiye isikolo ngo 2013, ndakubuya ndigqibezele,
ndiqale ukulima. Ndiqale ukulima kwiigadi zasekhaya, ndaboleka neegadi zabantu,
nangoku ndisalima kwezogadi ndizibolekileyo’’
UTsiko uphume
ngokuzama-zamana namatile-tile empumelelo, uthetha thethane neenkampani
ezinkulu ukubalula uSpar, Shoprite noCheckers, efuna ukuzinxulumanisa nazo,
baphendule ngelifuna amakhaphetshu ayi 7000 kuTsiko, noxa iigadi zika Anele
zikhupha amakhaphetshu ayi 3000 ukuya ku5000 wabe uphulukana
nesivumelwano,nangona ekwasebenzisana neeMakethe noSpar wase Dikeni kwaNtu
Spar.
Emva kokufuna uncedo
ekuhlaleni, uAnele ufumene uncedo kusapho lakwa Mngaza, ngokumboleka iifama
ezimbini kwilali yase Cumakala.
‘’Enye yengxaki
endidibana nazo kukungabina zithuthi, nezixhobo zokusebenza, ezaneleyo, nangona
nditye ndibeka ndaqokelela imali ndathenga isithuthi sokuthutha
lamakhaphetshu’’
Elityendyana liluncedo
hayi kusapho lwalo kuphela kodwa nase kuhlaleni, kuluntu olungena misebenzi,
uTsiko ubaqesha kwiifama neegadi zakhe, ukwaluncedo kwizikolo ezilapha
ekuhlaleni ephisa ngamakhaphetshu kubafundi ukuze batye, ekwabafundisa
ngezolimo, encedisa nakumakhaya abantu abadala kwilali yaseDebe, ngoku
babonelela ngamakhaphetshu ebakhuthaza ebafundisa nokulima.
UTsiko uthe ‘’Uncedo
kurhulumente usandula kulifumana kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo ngoku
ndibonelela ngeengxowa ezingamashumi amabini anesihlanu zeetapile, oko ndalima
bendiqala ukufumana ukuncedwa’’
UAnele Tsiko ugqibe ngelo
kuxhobisa uluntu esithi ‘’Amathuba okuphila akhona maninzi into isemntwini
nganye, masivuke sizenzele singa soloko sijonge ukuxhomekeka, kwaye nokuba
izinto azihambi kakuhle masincekelele singatyhafi, imxinwa indlela eya
empumelelweni, wonke umntu unako’’.